Umqeqeshi weMamelodi Sundowns uMiguel Cardoso.
Image: BackpagePix
Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uMiguel Cardoso, ubanga ngelithi iqela lakhe lirojiwe njengoko lifake amagowuli amaninzi kwaye bekufanele ukuba liphumelele umdlalo neLamontville Golden Arrows ngoLwesithathu ngorhatya.
ISundowns neArrows zidlale ntanganye ngo’1-1 kumdlalo weBetway Premiership obuvuthise iintlantsi eMpumalanga Stadium eHammarsdale. UKeenan Phillips uye wafaka ibhola ngentloko yankqenkqeza iArrows negowuli elinye, kodwa uLucas Ribeiro weSundowns uphendule ngokufaka ipenela yepenenka kwisiqingatha sokuqala somdlalo.
UCardoso uvakalise ukuphoxeka kwakhe emva komdlalo. "Sifake amagowuli aneleyo ukuze siphumelele umdlalo njengoko bekucace gca kumntu wonke ngokuqinisekileyo," utshilo uCardoso. Iqela lakhe lidlale ngokulingana okokuqala kumdlalo weBetway Premiership kule sizini.
Owayesakuba ngumqeqeshi weSundowns, uManqoba Mngqithi, noqeqeshe umdlalo wakhe wokuqala kwiGolden Arrows ukusukela oko ebhengezwe njengomqeqeshi omtsha, ukuvuyele ukwabelana ngamanqaku neqela lakhe langaphambili.
ISundowns ifake amagowuli amathathu angavunyelwanga kulo mdlalo. "Ndiyavuyisana nabadlali bam ngokudlala kakuhle kakhulu kwisiqingatha sesibini. Kodwa khange benze kakuhle kwisiqingatha sokuqala. Ndicinga ukuba ngekulungile ukuba namhlanje (ngoLwesithathu), siwafumene onke amanqaku amathathu,” utshilo uCardoso edanile.
Uqhube wathi, "Kubalulekile ukuqonda ukuba inqanaba leligi elinje kufuneka libe kumgangatho xa kuziwa kwezinye izinto. Ngelishwa namhlanje [ngoLwesithathu], sibone izinto endingafuni nokuthetha ngazo.
"Sifuna nje ukudlala imidlalo ngokufanelekileyo njengoko kufanelekile, ngokwemithetho yomdlalo. Wonke umntu kufuneka alandele imithetho yomdlalo. Yile nto siyifunayo."
ISundowns isephezulu ngamanqaku angamashumi amahlanu anesihlanu (55), ngelixa iOrlando Pirates ekuphela kweqela eliphumelele umdlalo kwimidlalo edlalwe ngoLwesithathu, ikwindawo yesibini ngamanqaku angamashumi amathathu anethoba (39) – kunye nemidlalo emine esandleni njengokuba izama ukuvala umsantsa.
Related Topics: