UKelly Khumalo noArthur Mafokate.
“Ingaba bayathandana? Ingaba baza kukhupha ingoma abayicula kunye? Ingaba bashicilela ividiyo?” le yeminye yemibuzo abantu abazibuza yona emva kokuba iimvumi uKelly Khumalo noArthur Mafokate befake imifanekiso befote kunye enemiyalezo eshiye abaninzi bezonwaya iintloko.
Imifanekiso yamva nje efakwe nguKelly noArthur kumakhasi onxibelelwano yenze abantu babenomdla ngaxeshanye bashiyeke bezonwaya iintloko.
UKelly upapashe umfanekiso efote noArthur wabhala, “Isazozalwa letsotsi ezosihlukanisa.” Ukwafake neminye imifanekiso wabhala, “Iqale njani kwaye ihamba njani.”
Ngoxa uArthur naye wabhala kwikhasi lakhe lika’Instagram izinto ezenza abantu bafune ukwazi kuqhubeka ntoni kanye kanye phakathi kwabo. Ubhale esithi, “Ukuba ibinengcaciso, ibiza kuba yile” kwaye “Izibongo ezingabhalwanga.”
Ezi mvumi zibini ziye zaba sematheni izihlandlo eziliqela. Igama likaKhumalo lihlala lisematheni kwabaninzi xa bethetha ngetyala likaSenzo Meyiwa. UMeyiwa owayethandana noKelly nonomntwana kunye naye, wadutyulwa kwindlu kamama kaKelly eVosloorus ngo2014 ngexesha babephangwa. Kukho abanye abantu abatyhola uKelly ngokwenza iyelenqe lokubulala uMeyiwa. Kodwa ezi zizityholo nje kwaye aziqinisekiswanga.
UMafokate wayetyholwa ngokuphatha gadalala owayesakuba sisithandwa sakhe, imvumi uBusisiwe Twala owaziwa ngegama leqonga elithi Cici ngonyaka u2017. Ukwatyholwa nangokusebenzisa gwenxa imali yeNational Lotteries Commission (NLC) ebilungiselelwe uphuhliso loluntu.
Ezi mvumi zibini nezipapashe imifanekiso kumakhasi azo onxibelelwano zenze abantu bazibuze ukuba bapheka ntoni. Abakabhengezi nto, kodwa ingathi ikhona into ephekwayo. Abantu sebelindele ukuba ivuthwe.
Related Topics: