Ugwetywe iminyaka emihlanu ogqumze uRAF.
Igqiza leeHawks eliphanda ngobuqhophololo elizinze eMonti, lisebenzisana neNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela (RAF), lincedise ekuqinisekiseni ukugwetywa kukaSolomon Ndika-Ndika (59) ngobuqhophololo.
UNdika-Ndika ugwetywe iminyaka emihlanu ethothoza entolongweni yinkundla yengingqi yaseMonti ngomhla we14 kweyoMdumba 2025.
UNdika-Ndika waqala wabanjwa nge7 kweyeNkanga 2023 waza wakhululwa ngesilumkiso ngosuku olulandelayo. Ityala lakhe lisukela kwibango elifakwe kwiRAF ngomhla wama29 kweyoMqungu 2016. Udize ukuba ngomhla wesixhenxe kweyeDwarha 2014, wabandakanyeka kwingozi yemoto, njengoko wayesuka e-Elliot esingise eCala.
UNdika-Ndika uphinde wadiza ukuba ngelo xesha, isithuthi seza ngakuye. Wathi xa ezama ukuphepha ingozi, imoto yakhe yabhukuqa, waza wenzakala.
Ngethuba lenkqubo yeli bango, iRAF ifumanise ukungangqinelani phakathi kwamaxwebhu angeniswe nguNdika-Ndika kunye nengxelo yamapolisa. I-RAF iye yalikhaba eli bango yaza yawudlulisela lo mba kwiiHawks ukuze iwuphande ngokucokisekileyo.
Uphando oluphangaleleyo olwenziwa ziiHawks luveze ukuba ngobuxoki obunikwe nguNdika-Ndika, iRAF iphantse yafumana ilahleko engaphaya kwesigidi seerandi (R1,6 million).
UNdika-Ndika uye wavela izihlandlo ezininzi ezinkundleni de wagwetywa yinkundla yengingqi yaseMonti ngomhla we14 kweyoMdumba 2025.
Ugwetywe iminyaka emihlanu ethothoza entolongweni ngaphandle kokufumana isohlwayo. Ngaphezu koko, uNdika-Ndika wabhengezwa njengongafanelekanga ukuba nompu.
Related Topics: