UNobhala Jikelele weANC uFikile Mbalula. Umfanekiso: Itumeleng English/ Independent Newspaper
UNobhala Jikelele weAfrican National Congress (ANC) uFikile Mbalula uthe ilizwe ligqithile kumlinganiselo wokuboleka imali, kwaye umbutho wakhe uyaqonda ukuba intetho yohlahlo lwabiwo mali ka2025 kufuneka imiswe ukuze kulungiswe eminye yemicelimngeni evezwe ngamahlakani eGNU.
UMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana ebezakunikela intetho yakhe ePalamente ngoLwesithathu; nangona kunjalo, le ntetho imiselwe inyanga ezayo emva kokuba iPalamente ithe isigqeba sicele ukuba ihlehliswe.
“Kukho eminye imingeni emininzi esijongene nayo. Sityale kakhulu kwingxoxo yethu kwaye sikholelwa ukuba uMphathiswa wethu wezeMali wenze kakuhle,” utshilo uMbalula.
Xa ebuzwa ukuba ingaba ukunqunyanyiswa kwenkxaso mali yaseMelika kuza kumchaphazela na urhulumente, uthe uMzantsi Afrika awuxhomekekanga ngokupheleleyo kwinkxaso mali yaseMelika. Kodwa uvumile ukuba imibutho engekho phantsi kukarhulumente iza kuchaphazeleka kakubi.
Kwindibano noonondaba ebibanjwe nje emva kokumiswa kwentetho yohlahlo lwabiwo mali, uGodongwana ukukhanyele ukuba oku kulibaziseka kwentetho okungazange kubonwe ngaphambili kungenxa yokungavisisani phakathi kwamahlakani eGNU.
UMphathiswa kwiOfisi kaMongameli uKhumbudzo Ntshavheni ukwathe oku kuhlehliswa sisigqibo sekhabhinethi, ezikhaba ngawo omane iintetho zokuba oku kubonisa imingeni ekwiGNU.
Kusenjalo, uSomlomo wePalamente uThoko Didiza uvumile ukuba imali ihambe nomoya njengoko intetho yohlahlo lwabiwo mali ka2025 imiselwe, isigqibo esichaswe yimibutho emininzi ephikisayo.
UDidiza uthi kunyanzeleke ukuba iPalamente iyimise le ntetho nanjengoko isigqeba esilawulayo sibaxelele ukuba amalungu eGNU awahambisani nentetho ebeza kuyenza uGodongwana.
“Kufuneka siyivume le nto ukuba ayizange yenzeke ngaphambili, kodwa siyiPalamente siye sabona ukuba akusayi kubakho ntetho iza kuqhutywa njengoko ababhexeshi abaziintloko bemibutho ekwiGNU becele ukuba kuhlehliswe,” utshilo uDidiza.
Imibutho ekwiGNU equka iDemocratic Alliance ixhase oku kuhlehliswa logama imibutho ephikisayo efana neATM, EFF, neMK Party ilikhabile eli nyathelo. Bamemelele ukuba uMphathiswa aphendule ngokulibaziseka kwale ntetho.
Inkokheli yeATM, uVuyo Zungula, umemelele uMphathiswa wezeMali ukuba enze intetho yakhe yohlahlo lwabiwo mali. Uthe ukubeka phambili iimarike zemali kuyingxaki, njengoko iNdlu iyeyabantu.
Inkokheli yeBosa, uMmusi Maimane, uthe iGNU ibineenyanga ezintandathu zokulungiselela intetho yohlahlo lwabiwo mali, kodwa yasilela ukwenza oko.
“Sonke siyasazi isizathu sokuba babeke elinye ixesha, kungenxa yokunyuswa kwerhafu nge2%,” utshilo.
Related Topics: