UDuduzile Zuma-Sambudla weMK Party.
Umkhonto weSizwe Party (MKP) ungqinile ukuba uqalise inkqubo yoluleko yangaphakathi ngakwiLungu lePalamente lombutho, uDuduzile Zuma-Sambudla.
Eli nyathelo lilandela izinto asandul’ ukuzibhala kumakhasi onxibelelwano, nalapho ebevakalise esidlangalaleni ukungoneliseki kwakhe ngumbutho, ingakumbi ejolise kuNobhala Jikelele uFloyd Shivambu.
UZuma-Sambudla uhlasele esidlangalaleni uShivambu emthuka ngezakhono zakhe zobunkokheli.
Inkqubo yoluleko yangaphakathi ingqinwe nguSekela Nobhala Jikelele walo mbutho eGauteng uNombuso Mkhize ngethuba ethetha noonondaba eSandton ngoMvulo.
“Ngoko ke, kwimeko kaDuduzile Sambudla, ndingathanda ukubonisa ngokucacileyo ukuba iinkqubo zoluleko – iinkqubo zoluleko zangaphakathi ziyaqhubeka.”
UShivambu naye uthethile ngexesha lale ndibano noonondaba kwaye wavakalisa ukuba umbutho awuzukuyinyamezela impatho-mbi.
“Nangona ukungavisisani kwangaphakathi kunye nezimvo ezahlukeneyo kufuneka zibonakaliswe ngaphakathi, akukho sizathu sokwenza oko esidlangalaleni, ukuxhwithana, kunye nokungahloniphani.
“Ukungavisisani esidlangalaleni, ukungaboni ngasonye, nokungahloniphi okanye iingcinga zokuba izinto ezilolo hlobo zikho ngaphakathi ziya kuyenza buthathaka inkolo abanayo abantu kumbutho wethu,” utshilo.
Emva kokuthuka uShivambu, uZuma-Sambudla wacela uxolo izihlandlo ezibini, ileta yokuqala yoxolo awayikhuphayo yakhankanya wonke umntu ngaphandle kukaShivambu.
Wacela uxolo emva kokuba uyise, owayesakuba nguMongameli uJacob Zuma, emyalela ukuba axolise kungenjalo agxothwe okanye apheliswe ubulungu.
Emva kokujongana nokugxekwa, uye wacela uxolo okwesibini ebhekisa kuShivambu waza wambiza “njengeqabane lam”.
Waqhubeka esithi yayingeyonjongo yakhe ukujongela phantsi imigaqo yomanyano, intlonipho, kunye nokuziphatha okusisiseko sombutho. “Ndiyavuma ukuba amazwi nezenzo zam zophule umgaqo wokuziphatha wombutho, kwaye ndizisola kakhulu ngawo nawuphi na umonakalo owenziwe ngamazwi nezenzo zam.
“Ndithatha uxanduva olupheleleyo ngeengxelo zam kwaye ndizibophelele ekuthobeleni iinqobo ezisemgangathweni kunye nesidima soMkhonto weSizwe ukuya phambili,” wongeze watsho uZuma-Sambudla.
Uxolo lwakhe ludluliselwe nakuwo onke amaqonga eMKP asebenza kuwo, kubandakanywa iPalamente kunye neSouthern Caucus yePan-African Parliament.
“Ndihleli ndizimisele ukusebenzela umanyano, inkqubela kunye nenkululeko epheleleyo yabantu bethu. Ngokuzithoba ndicela uxolo kumaqabane am kunye noluntu loMzantsi Afrika.
“Ndiyaniqinisekisa nonke ukuba ndiza kucinga ngalo mba kwaye ndiwusebenzise njengethuba lokukhula, ukuziphatha kakuhle, nokuzibophelela ngokutsha kwinjongo yalo mbutho,” utshilo.
Uye wacima izinto ebezibhale kwikhasi lakhe likaX emva kokuba abalandeli bombutho begxeke ukuziphatha kwakhe.
Related Topics: